ILizwi likaThixo linokuluguqula uluntu lwakho.

UGeorge efundela abantwana abancinci izibhalo

EKenya, iKibera yenye yezona lokishi ezinamatyotyombe amaninzi ehlabathini. Ubomi bungavakala ngathi buyinqaba. Usuku ngalunye lucel’ umngeni, kwaye abaninzi ababoni ndlela yakuphuma.

ILizwi likaThixo linokuluguqula uluntu lwakho.

“Abantu balangazelela ithemba. Bafuna iLizwi likaThixo, kodwa abanaye umntu onokubaxelela. Yiyo loo nto ndikhetha ukuba lapha.”

UGeorge, eKenya

UGeorge wavula isikolo eKibera ukunceda abantwana bafumane imfundo. Yaye, ufumene indlela yokubanika enye into—ukufikelela kwiLizwi likaThixo ngeBible App Lite.

Le app yakhelwe iindawo ezinjengeKibera, ukuze abantu bakwazi ukufikelela nokusebenzisa iBhayibhile bengekho kwi-intanethi.

ILizwi likaThixo linokuluguqula uluntu lwakho.

Ngoku, uGeorge wabelana ngeBible App Lite nabo bonke abantu abangqonge yena, kwaye kutshintsha lonke uluntu lwakhe!

“Ndabelana ngeBhayibhile nabo bonke abantu endibaziyo. Ngoku isasazeka yonke indawo. Uluntu luyatshintsha ngenxa yeLizwi likaThixo.”

Sebenzisana neLizwi likaThixo ungekho kwi-intanethi, naphi na, nanini na ngeBible App Lite.

Fumana amava eBible App Lite

Share this post:

Esisibhengezo siyafumaneka nakwi: Isingesi Isibhulu Indonesian Filipino (Tagalog) IsiFrentshi IsiTaliyane Dutch Portuguese Romanian Russian IsiJaphani IsiTshayina (Esenziwe lula) IsiTshayina (Semveli) Korean Arabic Belarusian Bengali Bulgarian Danish Finnish IsiGrike IsiHebhere Hindi Hungarian Malay Mongolian Nepali Norwegian Persian Polish Portuguese (Portugal) Slovak Swahili Swedish Tamil Telugu Thai Turkish Ukrainian Urdu Vietnamese Zulu Czech Khmer Malayalam Burmese Lithuanian Macedonian Burmese (Zawgyi) Serbian Armenian Icelandic Croatian Albanian Welsh Catalan Latvian Haitian Creole Shona Sorani Kurdish Yoruba