Fumanisa ezi app zeBhayibhile ngeNyanga yeBhayibhile yeHlabathi…

Bhiyozela iNyanga yeBhayibhile yeHlabathi

Ubusazi ukuba i-YouVersion ineNtsapho yee-App zeBhayibhile? Ukusuka kubantwana, ukuya kubafikisayo, ukuya kubantu abadala—wonke umntu uzibandakanya ngokwahlukeneyo kwiLizwi likaThixo. Yiyo loo nto senze ii-app ezijoliswe kubantu abakumaqela ohlukeneyo neengingqi ezahlukeneyo.

Fumanisa ukuba yeyiphi i-app yeBhayibhile ekulungeleyo!

Sazisa: Bible Loop

I-Bible Loop lelona lungu litsha kwiNtsapho yethu yee-App! Yenzelwe abafikisayo, i-Bible Loop inikeza imisebenzi ebandakanyayo, iimpawu zonxibelelwano, kunye nemidlalo yokufunda ngentloko nokugcina iZibhalo. Ukuba ungumfikisi, okanye unaye omnye ebomini bakho, awufuni ukuphoswa yile nto.

App Store | Google Play

I-App yeBhayibhile Yabantwana

Le app yeyabantwana abancinane ebomini bakho. Kwi-Bible App for Kids, uya kufumanisa amabali eBhayibhile akutsalayo kunye nemidlalo yonxibelelwano eyenzelwe ukunceda abantwana bathande uThixo neLizwi laKhe.

App Store | Google Play

I-App yeBhayibhile

Dibana nolona khuphelo lokuqala lwe-app yeBhayibhile ehlabathini! Ngokufikelela kwiinguqulelo ezingaphezu kwe-3,500, iilwimi ezingama-2,300, kunye namawaka eZicwangciso zeBhayibhile, akuzange kube lula ngolu hlobo ukuchitha ixesha kwiLizwi likaThixo ngendlela ekusebenzelayo.

App Store | Google Play

I-App yeBhayibhile Lite

I-Bible App Lite ikuvumela ukuba ufumane iLizwi likaThixo ungekho kwi-intanethi, naphi na, nanini na. Le app ifumaneka kwiingingqi ezithile.

Google Play

Yiba yinxalenye yoMngeni weeNtsuku ezingama-30 ngokukhuphela enye yezi app! Kwaye, ukususela ngoNovemba 1, zibandakanye ne-Bible App iintsuku ezingama-30 zilandelelana, uze uzuze iBheji ekhethekileyo yeNyanga yeBhayibhile yeHlabathi.

Joyina Ngoku

Share this post:

Esisibhengezo siyafumaneka nakwi: Isingesi Isibhulu Indonesian IsiJamani Spanish Filipino (Tagalog) IsiFrentshi IsiTaliyane Dutch Portuguese Romanian Russian IsiJaphani IsiTshayina (Esenziwe lula) IsiTshayina (Semveli) Korean Arabic Belarusian Bengali Bulgarian Danish Finnish IsiGrike IsiHebhere Hindi Hungarian Malay Mongolian Nepali Norwegian Polish Portuguese (Portugal) Slovak Swahili Swedish Tamil Thai Ukrainian Urdu Vietnamese Zulu Czech Khmer Malayalam Spanish (Spain) Lithuanian Macedonian Burmese (Zawgyi) Serbian Armenian Icelandic Croatian Albanian Welsh Catalan Latvian Haitian Creole Shona Sorani Kurdish Yoruba