Fumanisa ezi app zeBhayibhile ngeNyanga yeBhayibhile yeHlabathi…

Bhiyozela iNyanga yeBhayibhile yeHlabathi

Ubusazi ukuba i-YouVersion ineNtsapho yee-App zeBhayibhile? Ukusuka kubantwana, ukuya kubafikisayo, ukuya kubantu abadala—wonke umntu uzibandakanya ngokwahlukeneyo kwiLizwi likaThixo. Yiyo loo nto senze ii-app ezijoliswe kubantu abakumaqela ohlukeneyo neengingqi ezahlukeneyo.

Fumanisa ukuba yeyiphi i-app yeBhayibhile ekulungeleyo!

Sazisa: Bible Loop

I-Bible Loop lelona lungu litsha kwiNtsapho yethu yee-App! Yenzelwe abafikisayo, i-Bible Loop inikeza imisebenzi ebandakanyayo, iimpawu zonxibelelwano, kunye nemidlalo yokufunda ngentloko nokugcina iZibhalo. Ukuba ungumfikisi, okanye unaye omnye ebomini bakho, awufuni ukuphoswa yile nto.

App Store | Google Play

I-App yeBhayibhile Yabantwana

Le app yeyabantwana abancinane ebomini bakho. Kwi-Bible App for Kids, uya kufumanisa amabali eBhayibhile akutsalayo kunye nemidlalo yonxibelelwano eyenzelwe ukunceda abantwana bathande uThixo neLizwi laKhe.

App Store | Google Play

I-App yeBhayibhile

Dibana nolona khuphelo lokuqala lwe-app yeBhayibhile ehlabathini! Ngokufikelela kwiinguqulelo ezingaphezu kwe-3,500, iilwimi ezingama-2,300, kunye namawaka eZicwangciso zeBhayibhile, akuzange kube lula ngolu hlobo ukuchitha ixesha kwiLizwi likaThixo ngendlela ekusebenzelayo.

App Store | Google Play

I-App yeBhayibhile Lite

I-Bible App Lite ikuvumela ukuba ufumane iLizwi likaThixo ungekho kwi-intanethi, naphi na, nanini na. Le app ifumaneka kwiingingqi ezithile.

Google Play

Yiba yinxalenye yoMngeni weeNtsuku ezingama-30 ngokukhuphela enye yezi app! Kwaye, ukususela ngoNovemba 1, zibandakanye ne-Bible App iintsuku ezingama-30 zilandelelana, uze uzuze iBheji ekhethekileyo yeNyanga yeBhayibhile yeHlabathi.

Joyina Ngoku

Share this post:

Ngaba ulungele iNyanga yeBhayibhile yeHlabathi?

Email-Header-starts-tomorrow

Bhiyozela iNyanga yeBhayibhile yeHlabathi

Ngomso, abantu kwihlabathi liphela bazakujoyina njengoko uthatha inxaxheba kuMngeni weBhayibhile weeNtsuku ezingama-30!

ILizwi likaThixo linamandla okutshintsha ubomi. Kule nyanga, liya kuchaphazela njani obakho? Masibonakale sivuyile kwaye silindele oko uThixo aza kukwenza kule nyanga.

Zilungiselele iNyanga yeBhayibhile yeHlabathi ngokugcina iSicwangciso seeNtsuku ezingama-30.

Gcina iSicwangciso

Share this post:

INyanga yeBhayibhile yeHlabathi isondele!

Email-Header-starts-tomorrow

Bhiyozela iNyanga yeBhayibhile yeHlabathi

Ngomso, abantu kwihlabathi lonke baya kuhlangana ukubhiyozela iLizwi likaThixo ngoMngeni weBhayibhile weNtsuku ezingama-30. Kwaye ungaba yinxalenye yawo!

Ungaphoswa Ngulo Mngeni

Nokuba kukuziva ungenaxhala kangako, ungenalungu kangako, okanye uzithemba ngakumbi xa wabelana ngokholo lwakho, ukuzimasa iLizwi likaThixo kutshintsha yonke into—kuquka nawe.

Ukuqala ngoNovemba, sebenzisa i-Bible App yakho iintsuku ezingama-30 ngokungaphazamisekiyo, uze uzuze iBheji ekhethekileyo yeNyanga yeBhayibhile yeHlabathi.

Share this post:

INyanga yeBhayibhile yeHlabathi iqala ngoku, kwaye usenokujoyina!

INyanga yeBhayibhile yeHlabathi iqala ngoku!

Bhiyozela iNyanga yeBhayibhile yeHlabathi

Ngoku nje, abantu kwihlabathi lonke babhiyozela iLizwi likaThixo ngoMngeni weBhayibhile weeNtsuku eziyi -30. Kwaye usenako ukubayinxalenye yawo!

Joyina uMngeni

Nokuba kufuneka uve uxolo olungakumbi, ithemba elingakumbi, okanye ukuzithemba okungakumbi, ukuzimasa iLizwi likaThixo rhoqo kutshintsha yonke into.

Khawufane ucinge ngento angayenzayo uThixo ukuba uzimisele ukufunda iLizwi lakhe yonke imihla.

Sebenzisa i-Bible App yakho iintsuku ezingama-30 zilandelelana kule nyanga ukuze uzuze le Bheji ikhethekileyo yeNyanga yeBhayibhile yeHlabathi.

INyanga yeBhayibhile yeHlabathi iqala ngoku, kwaye usenokujoyina!

Share this post:

INyanga yeBhayibhile yeHlabathi iqala ngoku!

INyanga yeBhayibhile yeHlabathi iqala ngoku!

Bhiyozela iNyanga yeBhayibhile yeHlabathi

Namhlanje kuqala iNyanga yeBhayibhile yeHlabathi! Kwiintsuku eziyi -30 ezizayo, abantu kwihlabathi liphela baza kudibana ukuze bachithe ixesha kwiLizwi likaThixo.

Ingaba uyazibuza ukuba uqale phi? Jonga ezi Zicwangciso ukuze uqalise inkqubela yakho yeNyanga yeBhayibhile yeHlabathi!

Fumana Ezinye Izicwangciso

Share this post: